INGXOWA-MALI YOKHUPHISWANO
Ingxowa-mali yokhuphiswano sisibonelelo sokwabelana ngeendleko esinika inkxaso yemali koosomashishini ukuya kuthi ga kwi- 50% yeendleko zabo ezifanele ukubonelelwa. Oosomashihsini abavumelekayo kufuneka babandakanyeke kumashishini okwenza nokuvelisa nasekunikeni iinkonzo zoshishino oluvumelekayo.
Iinjongo
Ukukhuthaza ukhuphiswano lweefemi zaseMzantsi Afrika,
Ukuphembelela ukufumaneka kwenzuzo okwandileyo ngongeno olwandisiweyo nolunobunono kwiimarike zeli nezehlabathi,
Ukunika imali yokukhuthaz amashishini ukuze aphucule indlela asebenza ngayo kwaye afumane iinkonzo nobungcali bangaphandle.
Iinkqubo zexeshana ezivumelekayo
Amaqumrhu ezoshishino kunye nemibutho engekho phantsi kukarhulumente
Amaqela eefemi acwangcisela ukungenela imisebenzi ehlanganelweyo
Imisebenzi efanele ukubonelelwa
Uphuhliso lwemarike (uphando lwemarike, utyelelo lwemarike yezizwe zehlabathi, ukubonisa kunye nokukhuthaza, iintengiso kunye noluncwadi, uphuhliso lwesikhundla sokunxibelelana ngekhompyutha kunye neevidiyo zokukhuthaza, abathengi abajolise ngaphakathi)
Uphuhliso lwenkampani (uphuculo lokuphatha okusemgangathweni, ukufumaneka kwemigangatho), uqeqesho lokwakha ukhuphiswano.
Uphuhliso lwemveliso (ukuvavanya, ubunono kwimveliso, ukuyilwa kokubuthela ndawonye)
Uphuhliso lweenkonzo imibutho engekho phantsi korhulumente, oshishino naworhwebo afuna ukuphuhlisa iimveliso neenkonzo ukuze athengise kumaqela/ kwiifemi ezichongiweyo.
Iinzuzo
Zinika izibonelelo ezifikelela kwizinga eliphezulu eliyi- 600 000 kumbonelelwa ngamnye ofanele ukubonelelwa.
Inika izibonelelo zokuphuhlisa inkampani
Zincedisa iifemi ukuze zifumane awona mazinga aphezulu okhuphiswano kumazwe ehlabathi kwiimarike ezikekelele elizweni nasekuthumeleni izinto kumazwe angaphandle.
Izicelo
Fumana incwadana yolwazi, izikhokelo kunye noxwebhu lwesicelo
Ngenisa isicwangciso esifutshane sophuhliso lweshishini
Ngenisa isiqinisekiso esichaza ubume bakho ngokwerhafu
Ukuze ufumane ulwazi olubanzi nxulumana:
ISebe lezoRhwebo noShishino:
Iziko loNxulumano nomThengi: 0861 843 384
